About this project:

Uninzi lamadoda akwaXhosa alibona isiko lokwaluka nje ngesithethe esibaluleke kakhulu, kwaye esinentsingiselo kubumi babo. Kodwa ngelishwa uninzi labafana abaselula abangabakhwetha baphatheka kakubi xa beyokoluka, abanye bade basweleke ngenxa yeengcibi ezingenalusini. Abanye abaninzi bazifumana nephulukana nobudoda babo.


Ngenxa yezizizathu zibalulwe apha ngentla, iphephandaba iCity Press, kwakunye ne Code for Africa, ndawonye ne Open Data Durban, baze necebo [APP] apho abazali kwakunye namakhwenkwe bazokwazi ukukhangela kwangethuba ukuba ingcibi leyo bayikhethileyo ingaba ibhalisiwe ngokwase mthethweni kusini na, phaya kwelacandelo lezempilo.


Kungumnqweno wethu ukuba ngokusebenzisa elicebo siza nalo ubani angakwazi ukukhetha ingcibi esemthethweni kwaye enamava khona ukuze isiko eli lokwaluka ibeyinto apho nabani othe wayenza abenegugu neqhayiya kwaye iphuhlise incubeko yakhe.